Submit your work, meet writers and drop the ads. Become a member
May 2023
IngaNdinga funz'abalambileyo
Inga ndinga lumkis'abaziziyatha
Inga ndinga khanyisel'abasebumnyameni
Inga ndingomelez'abangenamandla
Inga ndinga phakamis'abawileyo
Inga ndingaphilis'abagulayo
Inga ndingafudumez'abagodolayo
Inga ndingathuthuzel'abadakumbileyo
Inga ndingatyebis'amahlwempu
Inga ndingakhel'abangenaphahla phezukweentloko zabo
Inga ndingaluthando kwabakhohlakeleyo
Inga ndingayinyaniso kwabangenayo
Inga ndingaluxolo kwabangenalo
Inga ndingakhulula amatyathanga kwaba basemakhamandeleni
Written by
Masibulele Ntsepo  30/M/Lusikisiki, South Africa
(30/M/Lusikisiki, South Africa)   
  243
     Azariah and Khoisan
Please log in to view and add comments on poems