Submit your work, meet writers and drop the ads. Become a member
May 2019
Ndikhumbula ezontsuku sihleli kunye sithandana,Kwaku mnandi ngezontsuku Sthandwa Sam,kwa Ku ngekh'onenzondo nanqala komnye,yayi luthando lwentliziyo ne mincili phakathi kwam nawe.

Ubundithanda,ndikuthanda, suke wangen'umtyholi phakathi kwam nawe,labhubhuzel'ibhabhathane kweyakhw'ingqondo,wandishiya ndisakuthanda Sthandwa Sam,wandishiya ndili lolo Themba lam.

Bendikukhonzile,ndiku thembile.Bendisithi soze thina sohlulwe na kukufa! Kanti ndiyazikhohlisa.Nanga awokugqibela,uzuhlale uyazi ndiyakudinga.Ngaphandle kwakho ndililolo.

Buya Sthandwa Sam ndiya kukhumbula! Buya Themba lam ndiyakudinga! Obam ubu doda bemka mhla kumka Wena! Buya Sthandwa Sam uzolungis'ikhaya liyadilika!Buya Sthandwa Sam uzobuyis'obam ubudoda!!
Like my page good people plzz!
Written by
Imbongi ngumakhi  23/M/King William's town
(23/M/King William's town)   
963
   Fawn
Please log in to view and add comments on poems