Submit your work, meet writers and drop the ads. Become a member
Esethu Mahlumba May 2016
AZANIA
I Azania ikruqukile kukubanjwa
I Azania idiniwe ziimbumbulu ezisuka kutshaba
I Azania  iphelelwe ngamandla okubamba iintlanganiso
Iminyaka elandelelanayo kungekho nkqubela phambili
I Azania iphalele ngoku kukusebenzela nina, mabhulu,bantu abamhlophe.ABELUNGU.
Pha ezidolophini
I Azania idikiwe kukunigrumbela igolide
I Azania ifuna ukugrumbela iintsana zayo igolide
I Azania idiniwe, I Azania idiniwe
I Azania ikruqukile kukudanduluka kunye nokulila.

— The End —