Submit your work, meet writers and drop the ads. Become a member
Ngelizwi lakhe ndiyonela
Ngoncumo lwakhe ndiyoneliseka
Ukuhleka kwakhe kuyafudumeza
Ubuqu bakhe benza ndifune ukusondela
Ubukho bakhe benza uvalo
Ngalolonke ixesha unexesha lokusabela
NguMonde lowo
Isandla sakhe asikude ukunceda
BubuNtu obo
Igama lakhe yayifanele nguThando
Leyo isentliziyweni
Engqondweni ungamazi ngobulumko
Leyo isebuchotsheni
Ndithetha ngaye, andithethi naye
Ngokuthetha ngaye bubuncwane
Yena uyazazela, uyazingca
Noba uyamazi, ngesidima
Noba awumazi, ngesithozela
Ubuhle bukaMdali
Ubuhle beNdalo
Ubuhle ngaphakathi nangaphandle
Ubuhle njengesibhakabhaka nolwandle
Igamalakhe yayifanele nguNobuhle
Ndisathetha ngaye
Ngoba umntu akanconywa esiva
Utat'Oliver Tambo
Noba sele engamathambo
Kodwa siqina ngaye mathambo
Eselula awakhe amathambo
Wazinikezela ukuze siqine amathambo
Wasenza ubhabho lobhabho lwakhe
Wasenza ithambo lethambo lakhe
Waqotywa awakhe amathambo
Ukuze kuqine awethu amathambo
Ingqele isitya awakhe amathambo
Ukuze komelel'awethu amathambo
Amathambo azele intsini
Intsini eyenza imfudumalo
Imfudumalo ekhulisa amathambo
Ukukhula okomeleza amathambo
Akomelela akhangele ubulumko
Ubulumko obufundisa ngothando
Kolothando kuzalwe amatsha amathambo
Ulutsha oluzobe lulahlekile uba alwazi ngoTambo
Ulutsha olabuyiswa ekulahlekeni nguTambo
Iintsapho ezasiwa enkululekweni nguTambo
Ilizwe elakhutshwa emakhamandeleni nguTambo
Ilizwe elabuyiselwa ebutyebini nguTambo
Ilizwe elabuyiselwa ezandleni labanikazi balo nguTambo
Isizwe esabuyiselwa ekukhanyeni nguTambo
#Heritage_day

— The End —