"abanye" poems
Ngoko lwazi lwam, ngokwe zimvo zam
Akhomntu uthanda umthetho
Ngoba womke umntu uziva ngathi akakwazi kuziphatha ngokwakhe, ngathi akana mthetho
Umntu uziva ngathi uhluthwa amandla akhe
Kodwa, kwelinye icala
Umthetho ubalulekile
Umthetho uthulisa impixano
Ukhona oyena mthetho ungundoqo
Umthetho ka Mdali
Umthetho we Ndalo
LooMthetho luThando
UThando lokuthanda abanye
UThando lokuzithanda
UThando olunyulu, uThando olunzulu
UThando luxando lokwenza
UThando luxando lokwenziwa
UThando luxando lokwenzana
Into endiyaziyo kukuba lomthetho sivumelana ngawo sonke
Intonayo asiwazi sonke
Umanyano emthethweni woThando yindyebo yobomi naphakade
Feb 14, 2021
Feb 14, 2021 at 7:59 AM UTC
Akwab'ubuwazi
Umonakalo
Uhamba ngobunganga
Unyathel' unganakanga
Kungekho mbonakalo
Ukub'uyawunakana
Ngelixa izinto zisonakala
Unambitha, unambitha
Ugigitheka, uqikileka
Amawaka eliqika
Unabile wonwabile
Abanye begeqeka
Akwab'ubuwazi
Umonakalo
Jun 3, 2016
Jun 3, 2016 at 7:50 AM UTC