Umhlaba wohluthwa wohlulwa.
Sakuhlehla sohlulwa.
Sahlala sohluka
Wahlelwa wohlulwa
Aug 26, 2019
Aug 26, 2019 at 9:02 PM UTC
Uphesheya komlambo
Ndiphesheya komlambo
Ndiselunxwemeni ndixinekile
Ndixhinile,ndixakiwe
Ndikubona, undibona
Ndingenako ukuza kuwe
Ungenakuza ***
Ulee nam ndilee
Ndinga ndingawela
Unga ungawela
Isiziba sinzulu
Sele ndibane ndizula
Aug 16, 2016
Aug 16, 2016 at 3:07 AM UTC
Akwab'ubuwazi
Umonakalo
Uhamba ngobunganga
Unyathel' unganakanga
Kungekho mbonakalo
Ukub'uyawunakana
Ngelixa izinto zisonakala
Unambitha, unambitha
Ugigitheka, uqikileka
Amawaka eliqika
Unabile wonwabile
Abanye begeqeka
Akwab'ubuwazi
Umonakalo
Jun 3, 2016
Jun 3, 2016 at 7:50 AM UTC