Hello Poetry
Submit your work and get some sparkles! Create free account
vuyo-msizi
Umhlaba wohluthwa wohlulwa. Sakuhlehla sohlulwa. Sahlala sohluka Wahlelwa wohlulwa
0
Aug 26, 2019
Aug 26, 2019 at 9:02 PM UTC
Umhlaba wohluthwa
Uphesheya komlambo Ndiphesheya komlambo Ndiselunxwemeni ndixinekile Ndixhinile,ndixakiwe Ndikubona, undibona Ndingenako ukuza kuwe Ungenakuza *** Ulee nam ndilee Ndinga ndingawela Unga ungawela Isiziba sinzulu Sele ndibane ndizula
0
Aug 16, 2016
Aug 16, 2016 at 3:07 AM UTC
Uphesheya ndiphesheya
Akwab'ubuwazi Umonakalo Uhamba ngobunganga Unyathel' unganakanga Kungekho mbonakalo Ukub'uyawunakana Ngelixa izinto zisonakala Unambitha, unambitha Ugigitheka, uqikileka Amawaka eliqika Unabile wonwabile Abanye begeqeka Akwab'ubuwazi Umonakalo
0
Jun 3, 2016
Jun 3, 2016 at 7:50 AM UTC
Akwab'ubuwazi