Submit your work, meet writers and drop the ads. Become a member
wendy maqwazima Mar 2016
Latshon' ilanga kumnyama entla!
Laphum' ilanga ubuhlanti busavaliwe!
Yhini mzo ntsundu asisena mithetho ithotyelwayo?

Ndeva uThamsanqa utshatile,kanti naye uNomathemba wendile!
Kalok uSthembiso ebengafun uk'phuma endleleni walandela utata wayi tishala!

Way'mosha umakhelwan' ngoku gxeka intombi izakhela igama!waqala uMandisa wajola'jola,walendela ngokunxila...Wabahlalisa phantsi ngoku shiya ikhaya!

Engqondwen' yakhe ebefuna ukushiya intlupheko akhangele impucuko,eyakhe impazamo ibikuthengisa ngo mzimba ngethemba lokubeka isonka etafileni!

Hay' wethu ungambuzi ebecinga ntoni..Ngoba naye ebengazi!
Esethu Mahlumba May 2016
AZANIA
I Azania ikruqukile kukubanjwa
I Azania idiniwe ziimbumbulu ezisuka kutshaba
I Azania  iphelelwe ngamandla okubamba iintlanganiso
Iminyaka elandelelanayo kungekho nkqubela phambili
I Azania iphalele ngoku kukusebenzela nina, mabhulu,bantu abamhlophe.ABELUNGU.
Pha ezidolophini
I Azania idikiwe kukunigrumbela igolide
I Azania ifuna ukugrumbela iintsana zayo igolide
I Azania idiniwe, I Azania idiniwe
I Azania ikruqukile kukudanduluka kunye nokulila.

— The End —