"mhla" poems
Ndikhumbula ezontsuku sihleli kunye sithandana,Kwaku mnandi ngezontsuku Sthandwa Sam,kwa Ku ngekh'onenzondo nanqala komnye,yayi luthando lwentliziyo ne mincili phakathi kwam nawe.
Ubundithanda,ndikuthanda, suke wangen'umtyholi phakathi kwam nawe,labhubhuzel'ibhabhathane kweyakhw'ingqondo,wandishiya ndisakuthanda Sthandwa Sam,wandishiya ndili lolo Themba lam.
Bendikukhonzile,ndiku thembile.Bendisithi soze thina sohlulwe na kukufa! Kanti ndiyazikhohlisa.Nanga awokugqibela,uzuhlale uyazi ndiyakudinga.Ngaphandle kwakho ndililolo.
Buya Sthandwa Sam ndiya kukhumbula! Buya Themba lam ndiyakudinga! Obam ubu doda bemka mhla kumka Wena! Buya Sthandwa Sam uzolungis'ikhaya liyadilika!Buya Sthandwa Sam uzobuyis'obam ubudoda!!
May 8, 2019
May 8, 2019 at 7:14 PM UTC
abadala sube bengaphazami xabe sithi isxhosa asitolikwa...
njenga ndoda nganye inentonga yayo esimelela ngayo
lento iluthando iyakakaswa okwe sana elibomvu iyanaswa iyatefiswa kuba kalok yona ayifani na ntoni na onothi uyihluthe naku bani na...ibalulekile!
bendinothi ndanelisekile
bendinothi ndonwabile
bendinothi ndikhululekile
ntonje igqondo ixakekile nomphemfulo udandathekile
intliziyo yophukile ngamathemba angekhoyo...
mhla kwa phuma ilanga kwa vela ukukhanya...uzundibize!
.
ukukhanya zanyamalala zonke ipazamo ne ingxaki uze unsibiE
Oct 10, 2016
Oct 10, 2016 at 5:40 PM UTC