Submit your work, meet writers and drop the ads. Become a member
Imbongi ngumakhi May 2019
Ndikhumbula ezontsuku sihleli kunye sithandana,Kwaku mnandi ngezontsuku Sthandwa Sam,kwa Ku ngekh'onenzondo nanqala komnye,yayi luthando lwentliziyo ne mincili phakathi kwam nawe.

Ubundithanda,ndikuthanda, suke wangen'umtyholi phakathi kwam nawe,labhubhuzel'ibhabhathane kweyakhw'ingqondo,wandishiya ndisakuthanda Sthandwa Sam,wandishiya ndili lolo Themba lam.

Bendikukhonzile,ndiku thembile.Bendisithi soze thina sohlulwe na kukufa! Kanti ndiyazikhohlisa.Nanga awokugqibela,uzuhlale uyazi ndiyakudinga.Ngaphandle kwakho ndililolo.

Buya Sthandwa Sam ndiya kukhumbula! Buya Themba lam ndiyakudinga! Obam ubu doda bemka mhla kumka Wena! Buya Sthandwa Sam uzolungis'ikhaya liyadilika!Buya Sthandwa Sam uzobuyis'obam ubudoda!!
Like my page good people plzz!
Ndivuka uzingcinga
Ndilala ndiyakucinga
Nditsho namaphupha
Ndiyakuthanda
Noba awukho secaleni kwam
Uhlala uhleli nam
Nditsho nakwi ncoko zam
Ulubhabho lwam, ulubambo lwam
Ngaphandle kwakho, intliziyo yam isisighubhu
Xa ndinawe, intliziyi yam itsho amagubu
Izandi eziviwa phezulu emazulwini
Igida kushukume abaphantsi
UThando lwakho lundonyusa ndiphantsi
Lamazwi akayonyani, lamazwi angqina inyani
Inyani luThando, ubungqina luThando lwethu
InTando yakhe mayenziwe emhlabeni njengoko isenziwa emazulwini
(Ngoba ebunyanisweni andikwazi ukuyichaza indlela endikuthanda ngayo, abubungqina bendlela endiziva ngayo ).
Ngoko lwazi lwam, ngokwe zimvo zam
Akhomntu uthanda umthetho
Ngoba womke umntu uziva ngathi akakwazi kuziphatha ngokwakhe, ngathi akana mthetho
Umntu uziva ngathi uhluthwa amandla akhe
Kodwa, kwelinye icala
Umthetho ubalulekile
Umthetho uthulisa impixano
Ukhona oyena mthetho ungundoqo
Umthetho ka Mdali
Umthetho we Ndalo
LooMthetho luThando
UThando lokuthanda abanye
UThando lokuzithanda
UThando olunyulu, uThando olunzulu
UThando luxando lokwenza
UThando luxando lokwenziwa
UThando luxando lokwenzana
Into endiyaziyo kukuba lomthetho sivumelana ngawo sonke
Intonayo asiwazi sonke
Umanyano emthethweni woThando yindyebo yobomi naphakade
Uthando lukaQamata lumi nathi
Uthando lwemiNyanya lumi nathi
Uthando lwakho,lwethu lumi nathi
Saqala singabafundi singazani
Saya, kwaya sazitshomi
Saya, kwaya sazizithandani
Sagqibela sesi ngabazali
Luminathi, yaligama lobukho bakho
Ubukho bakho bafika nemfudumalo
Imfudumalo eyafika yalulutho
Ulutho lokubabalwa luthando ngothando
Uthando luka Qamata luminathi
Uthando lwemiNyanya luminathi
Uthando lwethu, lwakho luminathi
Ngawe ndaphuma ebuntwaneni ndangena ebudaleni
Ngawe yaguquka impilo yam
Ngawe ndabona ikamva liqaqambile
Luminathi, libhongo neqhayiya ubukho bakho
Ibhongo ezizweni
Iqhayiya lam, lwethu ekhayeni
#Luminathi #daughter #father-daughter_message
#meaning #your_love_stands_with_us #love #isixhosa
Lemizamo kudala ndiyi zama-zama
Ndihamba ndibetheka
Ndagoduka ndiqhwalela
Abantu becing'ba ndiyabhampa kanti ndizikhot'amanxeba
Bambi besithi ndizenza kleva kanti ngamava
Abanye bendibona ndiphakamile(ukuphakama) kanti ndikhulile(kukukhula)
Ndayintswela kanti ndiyintswela kuqonda
Imibuzo endizibuza yona ibasinda nabadala
Sikwempa-kwempa iintloko sade saphuma iimpandla
Ndithi ndihamba-hamba ndizibone ndiqubeka ndisiwa , ndizibone ndivuka ndiqond'ba mandisoske ndiqhubeleke
Ndithi ndiyazama kanti ndiyabhatyaza
Ndithi ndiyakha kanti ndiyadiliza
Andiboni kwasisombululo ngathi ndisebumnyameni
Andiboni qu noMdali andithethi ngamaThongo
Nangona nje ndisazi ukuba bakhona, ndiziva ndinesizungu
Ndizohlala ndiyilindele inguqu
Ndihlale ndifudumale luThando neNkolo
Mandibengumnyamezeli ndinga nikezeli
Umvuzo ukhona kwabanomonde
Ekugqibeleni ndiyazi ndizophumelela kuzokhanya

— The End —