Hello Poetry
Submit your work and get some sparkles! Create free account
"luthando" poems
Ndikhumbula ezontsuku sihleli kunye sithandana,Kwaku mnandi ngezontsuku Sthandwa Sam,kwa Ku ngekh'onenzondo nanqala komnye,yayi luthando lwentliziyo ne mincili phakathi kwam nawe. Ubundithanda,ndikuthanda, suke wangen'umtyholi phakathi kwam nawe,labhubhuzel'ibhabhathane kweyakhw'ingqondo,wandishiya ndisakuthanda Sthandwa Sam,wandishiya ndili lolo Themba lam. Bendikukhonzile,ndiku thembile.Bendisithi soze thina sohlulwe na kukufa! Kanti ndiyazikhohlisa.Nanga awokugqibela,uzuhlale uyazi ndiyakudinga.Ngaphandle kwakho ndililolo. Buya Sthandwa Sam ndiya kukhumbula! Buya Themba lam ndiyakudinga! Obam ubu doda bemka mhla kumka Wena! Buya Sthandwa Sam uzolungis'ikhaya liyadilika!Buya Sthandwa Sam uzobuyis'obam ubudoda!!
0
May 8, 2019
May 8, 2019 at 7:14 PM UTC
Sthandwa sam
Ngoko lwazi lwam, ngokwe zimvo zam Akhomntu uthanda umthetho Ngoba womke umntu uziva ngathi akakwazi kuziphatha ngokwakhe, ngathi akana mthetho Umntu uziva ngathi uhluthwa amandla akhe Kodwa, kwelinye icala Umthetho ubalulekile Umthetho uthulisa impixano Ukhona oyena mthetho ungundoqo Umthetho ka Mdali Umthetho we Ndalo LooMthetho luThando UThando lokuthanda abanye UThando lokuzithanda UThando olunyulu, uThando olunzulu UThando luxando lokwenza UThando luxando lokwenziwa UThando luxando lokwenzana Into endiyaziyo kukuba lomthetho sivumelana ngawo sonke Intonayo asiwazi sonke Umanyano emthethweni woThando yindyebo yobomi naphakade
0
Feb 14, 2021
Feb 14, 2021 at 7:59 AM UTC
UMthetho
Uthando lukaQamata lumi nathi Uthando lwemiNyanya lumi nathi Uthando lwakho,lwethu lumi nathi Saqala singabafundi singazani Saya, kwaya sazitshomi Saya, kwaya sazizithandani Sagqibela sesi ngabazali Luminathi, yaligama lobukho bakho Ubukho bakho bafika nemfudumalo Imfudumalo eyafika yalulutho Ulutho lokubabalwa luthando ngothando Uthando luka Qamata luminathi Uthando lwemiNyanya luminathi Uthando lwethu, lwakho luminathi Ngawe ndaphuma ebuntwaneni ndangena ebudaleni Ngawe yaguquka impilo yam Ngawe ndabona ikamva liqaqambile Luminathi, libhongo neqhayiya ubukho bakho Ibhongo ezizweni Iqhayiya lam, lwethu ekhayeni
0
Jun 21, 2020
Jun 21, 2020 at 4:27 AM UTC
Luminathi
Ndivuka uzingcinga Ndilala ndiyakucinga Nditsho namaphupha Ndiyakuthanda Noba awukho secaleni kwam Uhlala uhleli nam Nditsho nakwi ncoko zam Ulubhabho lwam, ulubambo lwam Ngaphandle kwakho, intliziyo yam isisighubhu Xa ndinawe, intliziyi yam itsho amagubu Izandi eziviwa phezulu emazulwini Igida kushukume abaphantsi UThando lwakho lundonyusa ndiphantsi Lamazwi akayonyani, lamazwi angqina inyani Inyani luThando, ubungqina luThando lwethu InTando yakhe mayenziwe emhlabeni njengoko isenziwa emazulwini (Ngoba ebunyanisweni andikwazi ukuyichaza indlela endikuthanda ngayo, abubungqina bendlela endiziva ngayo ).
0
Feb 14, 2021
Feb 14, 2021 at 7:41 AM UTC
Untitled