"kunye" poems
Ndikhumbula ezontsuku sihleli kunye sithandana,Kwaku mnandi ngezontsuku Sthandwa Sam,kwa Ku ngekh'onenzondo nanqala komnye,yayi luthando lwentliziyo ne mincili phakathi kwam nawe.
Ubundithanda,ndikuthanda, suke wangen'umtyholi phakathi kwam nawe,labhubhuzel'ibhabhathane kweyakhw'ingqondo,wandishiya ndisakuthanda Sthandwa Sam,wandishiya ndili lolo Themba lam.
Bendikukhonzile,ndiku thembile.Bendisithi soze thina sohlulwe na kukufa! Kanti ndiyazikhohlisa.Nanga awokugqibela,uzuhlale uyazi ndiyakudinga.Ngaphandle kwakho ndililolo.
Buya Sthandwa Sam ndiya kukhumbula! Buya Themba lam ndiyakudinga! Obam ubu doda bemka mhla kumka Wena! Buya Sthandwa Sam uzolungis'ikhaya liyadilika!Buya Sthandwa Sam uzobuyis'obam ubudoda!!
May 8, 2019
May 8, 2019 at 7:14 PM UTC
AZANIA
I Azania ikruqukile kukubanjwa
I Azania idiniwe ziimbumbulu ezisuka kutshaba
I Azania iphelelwe ngamandla okubamba iintlanganiso
Iminyaka elandelelanayo kungekho nkqubela phambili
I Azania iphalele ngoku kukusebenzela nina, mabhulu,bantu abamhlophe.ABELUNGU.
Pha ezidolophini
I Azania idikiwe kukunigrumbela igolide
I Azania ifuna ukugrumbela iintsana zayo igolide
I Azania idiniwe, I Azania idiniwe
I Azania ikruqukile kukudanduluka kunye nokulila.
May 27, 2016
May 27, 2016 at 3:40 AM UTC